Research Articles
Uphicothonzulu ngokwenkcazobungcali yenkcubekontlalo ngokobuhlanga kwibali elifutshane lesiXhosa elithi Umgcini-mangcwaba
DOI:
10.1080/02572117.2024.2434151
Author(s):
Mlamli Diko University of South Africa (UNISA), ,
Keywords:
uphicothonzulu, inkcubekontlalo ngokobuhlanga, ibali elifutshane, ‘Umgcini-mangcwaba’, ucalucalulo, critical analysis, socio-cultural theory of race, short story, isiXhosa, discrimination,
Abstract
Iiyantlukwano ngokobuhlanga kunye nocalucalulo zibonisa ukunyathelela phezulu, nto leyo ethi ithintele ubumbano nentsebenziswano phakathi kweentlanga ngeentlanga kwintlalo nenkcubeko yoMzantsi Afrika. Nakubeni umgaqonkqubo wocalucalulo wabhangiswa ngomnyaka we1994, abaNtsundu kunye namaNgesi abonakalisa ukungqubana nokujongana ngezikhondo zamehlo kwiimeko ezithile njengoko kuvela kwibali elifutshane lesiXhosa elithi ‘Umgcini-mangcwaba’. Ngako oko, eli nqaku litshotsh’entla, lizama ukuphicotha indlela ucalucalulo ngokobuhlanga obuduliswe ngayo kweli bali lifutshane lesiXhosa. Inkcazobungcali okanye isithako senkcubekontlalo ngokobuhlanga sisityenziswe ukuphendla nokucubungula ngendlela egqothayo indlela ucalucalulo ngokobuhlanga obugqwesiswe ngayo, xa kuthelekiswa noko kuqhubeka kwintlalo nenkcubeko yesizwe somthonyama. Uphandontyilazwi, njengendlela yokuqhuba uphandonzulu, lusetyenziswa njengesixhobo sokuchonga ibali elifutshane lesiXhosa. Iingxoxobunzululwazi zidundubalisa imbono ethi ukucalucalulana ngokobuhlanga sisishiqi esikhoyo eMzantsi Afrika, kwaye kungalulutho xa sinokuqwangqululwa kuxhathiswe ngoncwadi lwesiXhosa. Phakathi kwezinye iingcebiso, imfundo ingasetyenziswa njengesixhobo sokufundisa nolusebeleni usana ukuba iintlanga ngeentlanga zingasebenza kunye, ziqaqambise ubumbano kwaye ziphilisane ngoxolo xa kunokukhokeliswa intlonipho nothando. Ukuvala umkhusane, inqontsonqa eyingxubakaxaka egubungele uMzantsi Afrika ayinakuthatha ixesha elifutshane ukuze isombululeke, ngako oko, kungangcono ukuba ezinye iingcali zoncwadi lwesiXhosa zingazeka mzekweni zizame ukugrombonca umba wocalucalulo ngokobuhlanga.
Get new issue alerts for South African Journal of African Languages