Research Articles

Indalekokutsha yeentsomi zesiXhosa kugxilwe kwisiyileli nokubunjwa kwabalinganiswa

DOI: 10.1080/02572117.2025.2600369
Author(s): Lukhanyo Elvis MakhenyaneAfrican Languages Department, University of Johannesburg, South Africa, Sinazo MatshayaAfrican Languages Department, University of Johannesburg, South Africa,

Abstract

Iingcali zityhila ukuba ngenxa yokutshintsha kwehlabathi esiphila kulo; iintsomi kwiinkcubeko zehlabathi ezahlukeneyo zibonisa indalekokutsha. Njengoko nentlalo kaXhosa ityhila utshintsho kunexesha elingaphambili, kunikisa umdla ukubona ukuba olo tshintsho luyiphembelele kangakanani imveliso yeentsomi zesiXhosa. Ngoko ke, injongo yolu phandolwazi kukutyhila indalekokutsha yeentsomi zesiXhosa ngokuphicotha isiyileli nokubunjwa kwabalinganiswa kwiintsomi zale mihla zesiXhosa. Sikhethe iintsomi ezintathu; UXamana nentombi yoMvundla, Endleleni eya Ebhotwe, Ukukhala kweselula, nezibhalwe ngesiXhosa nguNonqubela Rasimeni ngowama2018, nezibonisa utshintsho kwindlela eziveliswa ngayo iintsomi zesiXhosa. Uhlalutyo lwezi ntsomi lugxile kwisithako sokuhlalutya esibizwa i-structuralism, nesigqala uthungelwano phakathi kwesiyileli setekisi, isimo sentlalo, imixholo, impixano, isimbo sombhali nolwimi, ndawonye nokubunjwa kwabalinganiswa. Ekuphicotheni isiyileli nokubunjwa kwabalinganiswa kwiintsomi ezikhethiweyo, sifumanise ukuba iintsomi zesiXhosa ezibhalwe namhlanje zityhila indalekokutsha yeentsomi zesiXhosa. Oku kubonisa ukuphuhla koncwadi lwemveli lwesiXhosa. Olu phandolwazi luthelela kufundonzulu lweentsomi zesiXhosa kwaye luvuselela ukuphandwa ngakumbi kokudaleka kutsha kweentsomi zesiXhosa nezezinye iinkcubeko zaseAfrika.

Get new issue alerts for South African Journal of African Languages