Research Article

Ukuphicothwa kweziphumo zesiXhosa zebanga le-12 ukusuka kunyaka wama 2014 ukuya kowama 2018

DOI: 10.1080/02572117.2024.2410089
Author(s): Zoliswa MadeNelson Mandela University, South Africa, Stephen Vuyani NaileNelson Mandela University, South Africa,
Keywords: ,

Abstract

Olu phando lutsolorhele ekufumaneni imiqobo noonobangela bokuba abafundi abangamaXhosa bebanga le-12 bangaphumeleli emagqabini kwinqanaba lesi-6 nesi-7 (level 6 and 7) ngobuninzi kulwimi lwabo lwenkobe olusisiXhosa. Oku kuza kwenziwa ngokuphengulula banzi amaphepha eemviwo zabafundi besiXhosa ukusukela kunyaka we-2014 ukuya kunyaka we-2018. Luya kuphosa iliso elibukhali lukhangela izinto ezinokwenziwa ukuphucula le meko ihlininikisayo kumzi kaXhosa gabalala. Uphando luza kuqhutywa kungqiyanywe kubunzululwazi beNgcingane kaBarrett nekaBloom zona zinika umkhomba-ndlela zikwagxininisa iindlela emazilandelwe ukuze iphepha leemviwo libe leligqibeleleyo nelisemgangathweni ofanelekileyo. Kufuneka ukuba iphepha libe liphekwe lavuthwa kwaye likulungele ukubhalwa ngumviwa ohlala nakweyiphi na indawo kwilizwe loMzantsi Afrika. Oko kukuthi likwazi ukufikeleleka kumntwana ohlala kulo naliphi na iphondo nokuba kusedolophini, elokishini okanye ezilalini.

Get new issue alerts for South African Journal of African Languages