Research Article
Igama neendidi zentsingiselo eziqulathwe lilo
DOI:
10.1080/02572117.2024.2385263
Abstract
Lo ngumsebenzi onjongo zawo ikukubonisa ukuba igama eli naliphi na alinayo intsingiselo eyeyalo nezimeleyo, onokuthi eli gama lithetha ‘ukuthi.’ Lilonke kuphawuleka ukuba igama yileyibheli nje yokubiza loo nto ngelo xesha. Lo mcamango ke ukrobisa kuluvo lokuba igama lithi ukuze kuthiwe intsingiselo yalo ‘ithi,’ intsingiselo leyo ibe iphuhliswe yimeko elisetyenziswe phantsi kwayo. Oku kuthetha ukuba ngelinye ixesha igama elinye linganenye intsingiselo xa lisetyenziswe kwenye imeko. Kwakhona olu phando luya kuhluba ukuba imeko iduliswa yindawo, ixesha nonobangela wokusetyenziswa kwegama elo. Uhlalutyo lwentsingiselo yamagama esiXhosa luya kwenziwa ngokuthi kuqanyelwe ngeethiyori ezintathu ezizezi, ingcamango yemeko (context theory), umxholo wemeko ekukuyo (context of situation) kunye nengcamango engokubhekiselele kulwalamano phakathi kwegama naloo nto kubhekiswa kuyo (referential theory of meaning). Ezi thiyori ziya kuphuhlisa intsingiselo efumaneka kwizigaba zentetho ezifana nezithethantonye, oontsingiselombaxa, izichasi kunye noontsingiseloninzi. Olu hlobo lophando lusingise ekuphandeni nasekugocagoceni intlalo yabantu. Olu phando luza kusebenzisa intyilazwi yophando yobunjani (qualitative approach). Le ndlela yophando ikhethwe kuba iyindlela esetyenziswa ukufumana ulwazi ngaphandle kokusebenzisa amanani. Luhlobo lophando olufuna ukuba umntu asebenzise ingqondo kuba luya kusoloko lusebenzisa imibuzo efuna ukwazi ukuba yintoni, bekutheni, phi, kanjani.
Get new issue alerts for South African Journal of African Languages